In Xhosa: Uqhanqalazo Lwesininzi Ngenxa Yobuhlanga Buvelisa Amathuba Amatsha

Umbutho iICWP uyakhula kweli lixa lweyantlukwano eluntwini jikelele

Umntakwethu uGeorge Floyd oyinzalelwane yase Melika, obala lakhe lintsundu – uye wabulawa kabuhlungu esidlangalaleni abantu bebukele, ebulalwa ngama polisa amane, anobuhlaga ase Minneapolis (USA). Amapolisa ase Melika Kanye-kanye anga webala elimhomphe angozwilakhe banengcinga zocalucalulo, abunobukhosi nomkhethe ingakumbi kubantu abamnyama, bazi fascists ngesingesi. Okanti kwenye idolophu yase Melika ngomhla ka 13 ku March eLouisville amapolisa nakhona abulale uBreonna Taylor endlini ngaphakathi kokwabo engenzanga nto, emsulwa.

Zonke ezi ziganeko ziye zadala umsindokazi omkhulu ebantwini, kubantu bonke ngokungahethekanga ngokwebala okanye ngelizwe. Amazwe amanintsi aye azibandakanya kunye nezidube-dube zovukelo kuba befuna ukutshintsha inkqubo yezopolitiko eqhubekayo ebangewa ngamapolisa kunye norhulumente wase Melika. Amazwe ngamazwe azibandakanyile kolu vukelo ukuquka iGermany, France, Englang kunye noMzantsi Afrika, namanye amazwe ehlabathi.

Isitishi samapolisa sase Minneapolis emva kwesiganeko sika George Floyd siye satshiswa sawiswa phantsi, ngenxa yomsindo wabantu. Wonke umntu ebevumelana nokutshiswa kwesi sitishi njengendlela yokuziphindezela, abaqhubi bebhasi base Minneapolis nase New York abavumanga ukuthwala baqhube abaqhanqalazi ababanjiweyo babase entolongweni.

EHollywood amapolisa agada isizwe iNational Guard, bayebacelwa ngabaqhanqalazi ukuba babancedise bangathathi icala lika rhulumente. Amaqabane amatsha we ICWP bathethe nalamapolisa we National Guard malunga nesidingo sokuvukela umbuso, kufakwe okanye kuphathe umthetho-siseko wobu Komanisi. Omnye kulamaqabane uye wasinika ingxelo esithi “umsebenzi wethu uyakhula kwaye ndiyakholwa ukuba sisendleleni elungileyo. Lomvukela noluqhanqalazo lwenzekayo lusinika amathuba wokukhulisa umbutho (ICWP), ukuzesikwazi ukusebenzisa lo msindo eluntwini ukuze sibhukuqe lo rhulumente womkethe nengcinazelo”.

Incwadana yamaze ngamzwe: Joyina ICWP

uGeorge Floyd ubulawe kwangulomthetho wobuhlanga nengcinazelo obulala nobulale abantu abangamawaka, ukugqitha i100 000 eMelika nje kuphela, ngenxa yokungakwazi ukujongana nentsholongwane esisifo icovid-19. Ikwa yile nkqubo yehlabathi ivalele abantu ezindlini ibangela indlala kwisininzi, akukhakhathaliseki ukuba useBhayi eMzantsi Afrika okanye eMumbai e India, lenkqubo yobukapitali iyabulala. Inye into eyothi incede abantu ingakumbi abasembenzi behlabathi, yinguquko yobukomanisi, nokubhukuqa lama kapitali asiphetheyo.

Kungoko ke kufuneka wonke umsebenzi okanye abasebenzi behlabathi uninzi lwabo kufuneka bangenelele lombutho wamakomanisi iICWP, khona ukuze bakwazi ukuhlanganisa umzabalazo wobukomanisi. Kufuneka kwaye sibongoa ukuba sakhe endibano singabesebenzi sisebenzela ukuthi sibhukuqe lenkqubo yamakapitali sakhe ubukomanisi, kuba yiyo yodwa into eyothi isincede siphelisa ubuhlanga nokuxhaphazeka kwabasebenzi.

Kumazwe ngamzwe abasebenzi bayayibona lento omnye e Kerala (India) usinike lengxelo “Ndingowase India ndifuna uku joyina ICWP sakhe ubumbano silwe ubukapitali nale mpatho yabo imbi ibulalayo ixhaphazayo inobuhlanga”. Banintsi abasebenzi bayawu joyina umbutho ukuquka kumazwe afana no Sweden.

Utshinto lwenani notshintsho lomgangatho

Uqhanqalazo malunga nokubulalwa ngamapolisa kuka George Floyd buzophela ekuhambeni kwexesha kodwa akukho kubuya ngamva. Kuninzi okutshintshileyo kweli xeshana lidlulileyo. Isiganeko sika George Floyd ibisisikhonkwane sokugqibela abentwini abaswakwazi ukumelana nengcinezelo nokuhlukumezeka. Ingako ke amathuba kunye nesakhono soku joyinisa abasebenzi kumbutho siwutsibile umgangatho. Lonto ithetha ukuba utshintsho olwenzekileyo lutshintsho nokomgangatho.

Utshinsho kumgangatho lwenzeka emveni kotshintsho kwinani, ifana nenyikima eqhashumba phantsi komhlaba, yenzeka emveni kotshintsho olude olwenzeka ngaphantsi phakathi kumaqweqwe omhlaba. Lonto ifana twatse nale yenzekayo kwilizwe jikelele. Emveni kwengxaki ezinitsi ezinzulu kunye nochasano kwi nkqubo nomgaqo siseko wobukapitali kuphume uqushumbo lwabantu abafuna utshintsho kwimpilo zabo. Ukungqubana kwangaphakathi kuqoqosho lobukapitali, nongquzulwano nokhuphiswano kumazwe wongxowa-nkulu kunye nokuphela kwenkqubo yozothutho kunye neyempilo kubangela ukuba impilo yoluntu ibesesichengeni nasengozini. Ngenxa yokungakwazi ukulawula lemeko amakapitali asebenzisa ubuhlanga nocalu-calulo ukuze benze iyantlukwano kubasenzi khona ukuze bakwazi ukubalawula.

Ukuzinikela kubukomanisi buyafuneka ukuze silwe nalengozi ingoNgxowankulu.

Ukuzinikela kubukomanisi asiyonto nje esemoyeni okanye ingcinga esengqondweni kuphela iye ibonakale kuzinto zokwenyani kunye nokuhlalisana kwintlanganelwano zabasebenzi. Ukuzinikezela kuthetha ukuba singabasebenzi, singamakomanisi siziphicotha sizigxeka ngokwakhayo ukuze sikwazi ukuthatha izigqibo nezonzo ezintshaezizothi zikwazi ukusakhe sisondelwa kwimpumelelo yethu. Ngokuthi senze njalo lonto iye isincede ukuba sikwazi ukufunda kumaphutha esithe sawenza khona ukuze sikwazi ukuthatha izigqibo ezizizo.

Lonto yokuthi sikwazi ukuthatha ezigqibo eziloluhlobo ngunkqantsonkqa wombono yobukomanisi. Lonto isenza ukuzwi ukuzifundisa kwaye siphinde sifundise nabanye abasebenzi ukuba babe ngamakomanisi aqiqileyo nabetha ngomxhelo-mnye ngokuzinikezela. Lonto ibangela ukuthi abasebenzi bakwazi ukuzinikezela ngaphandle kwisinyanzeliso kwimbono yobukomanisi, abasenzi bathi bakwazi ukuzifaka nokwakha intlangano kunye nabanye abasenzi nabo bonke abasebenzi behlabathi khona ukuze bakwazi ukulitshintsha.

Ixa Elistha kuLuntu Lwehlabathi

Ulwakhiwo lwe nkqubo entsha yobukomanisi buzoveza, buze nomgangatho wempilo eyohlukileyo kwi nkqubo zempilo esiphila kuzo, kunye nezo abantu babephila phantsi kwazo kwiminyaka elikhulu eyagqithayo. Eli ilixa kulapho abasebenzi behlabathi beziphethe belawula phantsi kombutho iICWP ezimisele ekufezekiseni emaphupho nemigaqo ehambiselana nembono yobukomanisi. Le mbono yile yokwakha ilizwe nenkqubo yokuhlala apho khona kungekho mali, kungekho kuphiswano, eludala ukuxhazeka kwabasebenzi nendlala, nokufa. Ilizwe lobukomanisi luzimisele ekwakheni ihlabathi apho khona izidingo zabantu ezifana nakutya, izindlu zisiza kuqala kungekho kutshiswano lwemali eluvalela isininzi ngaphandle. Apho khona bephangela, khona ukuze baveze imveliso, de ithi imveliso ibengeyabo ukuze bakwazi ukufezikisa izidingo zabo nezamaqabene wabo. Elo tshintsho nelo lizwe lizokwenzeka ngokuthi kwenzeke inguqu kwekenani kunye nenguqu kwizenzo esizenzayo ngalomzuzu. Ukubhala incwadana ezifana nezi nokuzisaza kubasebenzi, kobhuti nosisi, kubasbenzi nakwizelamani kuyanceda ukuze imbono yobukomanisi ibe yimbono yoluntu lonke. Ngokwenze njalo siyothi sulufeze olugqatso!

Amandla!

Front page of this issue

Print Friendly, PDF & Email