Obuhlobo Nobudlelwane Kwama Komanisi

“Ndiyawuthanda lo mbono wokuphila ehlabathini ngaphandle kwemali” utshilo omnye umsebenzi osemtsha omnyama. “Andinayo imali kungoku ndithetha”

Ilizwe lobukomanisi ngaphandle kwemali lingasabenza njani? Ngamanye amaxesha abantu baye bacinge sithetha ihlabathi apho kungekho imali ezinkozo apho khona abantu bethenga izinto ngetyala. Abanye baye bacinge sithetha ngokusebenzisa ezinye intlobo zemali ezingalawulwa yimithetho ka rhulumente ezifana no Bitcoin kunye nezinye intlobo zemali ezingekho phantsi kuka rhulumente okanye sizo kusebenzisa ola hlobo lakudala lokutshintshisana ( apho undinika ubisi ndikunike umngqusho).

Kanti akunjalo sithetha ngelizwe apho kungekho khona into ethengiswayo nethengwayo okanye ekutshintshiselwanayo ngayo.

Kweli Lizwe lobu Komanisi sililwelayo wonke umsebenzi sizaku wenza sonke sohlulelane ngawo. Sizakahlulelana ngezinto esizenzileyo ngamandla ethu singaba sebenzi. Kuzonikwa abantu izinto ngokwe ndinga zabo, sizokucela samkele njengesipho izinto kunye noncedo esiludingayo. Ulunzi lwethu luyiqhelile into yokohlulelana siyiqhelele emakhayeni ethu esihlala kuwo, siyiqhelile into yokohlulelana nakubahlobo bethu. Le yimvisiswano nobuhlobo obusithwalayo kumaxesha amnandi nakumaxesha wobunzima. Ukwakha nokulondoloza obu buhlobo nalemvisiswano ngumsebenzi. Ngamanye amaxesha kuthiwa “ngumsebenzi wenkathalo” kwaye akekho lula kwaphela.

Njengoba setshilo amaqabane komnye wemihlangano esithe sanayo lo ngumsebenzi othi siwulindele wenziwe ngomama ixesha elininzi, Bathi bawenze ngaphezul kwalo bawenzayo emisebenzini yabo baphinde futhi benze lomsebenzi “wenkathalo” ongabhatelelwayo. Enye yezinto yokulelwa ubuKomanisi kukuthi sikhuthaze ukuba wonke umntu nokuba usesiphi isini ayilwele lento yokwakha obu buhlobo nokwenza lomsebenzi “wenkathalo”, nokulwa ukunyashwa nokugqilazwa kwesini sobukhomokazi ekuhlaleni.

Ingaba lento ibandakanyeka njani nokulwela ubuKomanisi?. Ilizwe eligxile entweni yokwabelana lifuna kwaye lidinga ukukhulisa nokwandisa ubuhlobo nemvisiswano eninzi phakathi kwabantu jikelele kwaye lonto iqala ngoku kwelithuba sikulo. Ukusuka kwingqondo ka “hlohla esam”ukuya kweka “hlohla esethu” ithetha ukuba ngabomi wandisa ubudlelwane bobuKomanisi kwaye nobuhlobo.

Omnye wamaqabane ophangela kwi,industry uyathetha malunga nobudlelwane athe wanabo nomnye wabasebenzi asebenza naye emsebenzini, lomsebenzi uncedo lwakhe ekukhuliseni uMbutho okanye iParty liyalikhula. Babonana kakhulu nangamaxesha angaphandle komsebenzi ngamanye amaxesha bayakwazi ukubonana nokuba abathuba bancinci wokuba badibane.

Lento ithetha ukuba maninzi amathuba wokuba bathethe ngobu Komanisi nokuba lomsebenzi wokulelwa ubuKomanisi ungakhula njani, kodwa ikwathetha enye into- bubudlelwane nobuhlobo obunje obenza sikwazi ukukhula nokuqhubekeka. Abafundi bephepha-ndaba lethu iRed Flag ukuquka namaqabe wombutho kwihlabathi jikelele bayafunda kakhulu kum

aqabane ase Mzantsi Afrika malunga nokukhulisa ubambano embuthweni. Obu budlelwane bobuKomanisi bubonisa ukuzimisela nokwethembana phakathi kwemaqabane. Luyanceda ekuloleni umlo wethu wokukhulisa umbutho, sandise umsebenzi womntu nganye kunye no womntu wonke kubumbano eMbuthweni. Kumaxa amaninzi siye singayiphoseli ngqalelo into yokwenza lomsebenzi wenkathalo sigxile kakhulu kwezopolitiko singayihoyi imiphumela yalo msebenzi yokwakha ubudlelwane bobuKomanisi phakathi kwethu. Obu budlelwane okanye ubuhlobo abuzizeli kungakumbi kwili lizwe lobuKapitali, kungako nje singenoma ngethamsanqa okanye inceba zikamdali.

Kwelixa sikulo ngoku lovutho-ndaba kwelilizwe lobuKapitali ngamabomi kwaye kwangobumi babo ubuKapitali buyayikhuthaza iyantlukwano bakathi kwabasenzi, iyazilola izinto ezithi abasebenzi bohlukane ngazo. Ujelo lokuzonwabisa kunye nomabona kude buphuhlisa kanye leyantlukwano kungakumbi kubasenzi nakulutsha. Ubuhlanga, unyhasho lwamanina, kunye nokucalucalula ngokwebala buyingxenye yaleyantlukwano.

Sidinga ukuchitha ixesha elininzi nabafundi, amasebenzi kunye nabahlali jikelele asifuna babe yingexenye okanye bangene ekwakheni loMbutho wobuKomanisi waBasebenzi beHlabathi (International Communist Workers PartyICWP), asikwazi ukuphila impilo yasemsebenzini kunye nempilo yangasese, sidinga ukwakha nokuqinisa ubuhlobo nobudlelwane bobuKomanisi jikelele.

Sixhomekeka kubudlelwane nobuhlobo obuthi sibakhe kwihlabati ngokubanzi ukuze sithathe amathuba wobuKomanisi ubufumanekayo phakathi kwethu sonke namhlanje. Obu buhlobo bumqoka ekwakheni nokufumana amalungu amatsha afuna ukuba yingxenye yoMbutho. Sixhomekeka koku khula kobu dlelwane ukuze sikwazi ukuthatha amathuba ukuze sikwazi ukuwafumana amathuba wokubhukuqa xa evela.

Kodwa okunye okubalulekile ukukhula kobudlelwane bobuKomanisi kuthi kubangele ekwakhekeni lwelizwe lobuKomanisi Ukuveza okanye ukwakha izinto ezidingekayo ehlabathini izinto ezifana nokutya imigaqo nezinye, kohlala kungumsebenzi

wabantu abayimbumba akwenziwa yindoda enye. Kuthatha ukwazana kwabantu kunye nokuncedisana kwabo. Eyonanto esemqoka kwelilizwe lobu Kapitali yimali obuhlobo okanye ubudlelwane obukhoya bonke bugxile emalini. Ubudlelwane bobu Komanisi bohlukile bona eyonanto esemqoka lulingwano nobuntu apho khona abasebenzi behlulelana khona ngezivezo kunye neziqhamo zomsebenzi wabo. Sizokophila ngeyona ndlela ekunzima nokuyicinga namhlanje – iza kwiqela elizimiseleyo ekupheliseni LamaKapitali nohlohle esabo.

Front page of this issue

Print Friendly, PDF & Email